IChelsea yaaqala ngo-1905 yaza yadlalela udidi lwesibini lwe"league". Baaphumelela imbasa yabo yokuqala ngo-1955, xa kanye babeqala ukufumana intshinga yabo kudidi lokuqala. Baaphumelela iFA Cup ngo-1970, no-1997, no-2000 nango2007. Baaphumelela indebe yeleague ngo-1965, no-1998, no-2005nango-2007. Ngeminyaka yoo-1970 iChelsea ayizange ikwazi ukugcina isikhundla sayo sodidi lokuqala, ngenxa yokunqongophala kwemali. Ngeminyaka yoo-1990 balwela itayitile yePremier League. Bababusondela kodwa abazange bade bayiphumelele de kwangunyaka- 2005 no-2006.
Ngo-2003 isinhanha sezigidi-gidi saserussia,uRoman Abramovich, wathenga iChelsea waza wonga inkunzi eninzi kakhulu ukuze akwazi ukuqesha abadlali bebhola ekhatywayo abatsha. Waaqesha noLuiz Felipe Scolari, njengomaneja weqela. U-Abramovich waaqesha noPeter Kenyon kwisikhundla esiphezulu ukuze ajongane neendlela zokusetyenziswa kwemali yeqela. Oku kwayitha amandla iChelsea nangaphezulu, baza baphumelela iPremier League kwiminyaka elandelelanayo. Eyesithathu neyayingqale ngqo itayitile yeFA Premier League yaphoncuka phakathi kweminwe yeChelsea emva kokuba bewe phantsi ekoyiseni i- Arsenal kumabala aseEmirates oko kuthetha okokuba iManchester United yaaphumelela itayitile yabo ye-thoba kwileague kumalinge alishumi alinesihlanu.
KweyoMsintsi ngomhla wama-20, ngo-2007, oyena manejala owayengophumeleleyo nguJosé Mourinho walishiya iqela "ngokusayina isivumelwano". Oku kuphuma kwakhe kwafika kanye emva kweehlazo ludlala kakubi kakhulu apho bakhutshwa khona bengamajacu ngamanqaku alinganayo macala ngo-1-1 kumdlalo weChampions League apho babebambene khona necala lamaNorwejieRosenborg B.K.. Emva kokuphuma kukaMourinho, iChelsea yoonyula uMqondisi weBhola ekhatywayo [uAvram Grant]], nowayengumanejala wecala lamaSirayeli ukusuka ngo-2002 de kwango-2006, umongameli omtsha weqela, de kwayekaCanzibe ngo-2008. UGrant wathabathela kuye iChelsea ethatha apho ishiye khona i-Premier League "Itayitile yokhuphiswano" emva kweManchester United neArsenal, yaba ke iyakwazi ukuyigcina iChelsea iyigcinelaileague de kwangumdlalo wokugqibela kwixesha lonyaka. Wafumana iChelseakukhuphiswano lwamagqibela kankqoyi okokuqala kunye namagqibela kankqoyi eCarling Cup, kodwa wadliwa lizembe kanye ekupheleni kwexesha lonyaka, kunye nomncedisi wakhe uHenk ten Cate. UGrant wakhunjwa emsebenzini wakhe emva kokuba oyisiwe kumagqibela kankqoyi ngo-5-6kwipenalty ebethwa yi-Manchester United kwaza kwafakwauLuiz Felipe Scolari endaweni yakhe, owayengumqeqeshi wePortugal mandulo, ngeyeThupha. Nangona kunjalo, emva komjikelo abathi benza kakubi ngawo uScolari waagxothwa ngeyoMdumba, ngo-2009. UGuus Hiddink wazithabathela kuye iintambozombutho de kwaphela elo xesha lonyaka. Ekuqalekeni kweyeSilimela baadlala kumagqibela kankqoyi endebe yeFA e-Everton[2], apho iChelsea yaaphumelela ngo-2-1, emva kokubauFrank Lampard noDidier Drogba bewubhakuzelisile umnatha. Kuloo magqibela kankqoyi,uLouis Saha we Everton wafaka inqaku elalingamatshe ukukhawuleza kwimbali yendebe yeFA, ngemizuzwana engama-25. Kwiveki elandelayo, owasakuba ngumanejalaMilan noCarlo Ancelotti wanikwa isikhundla sokuba ngumaneja weChelsea ngokupheleleyo.
- ↑FC sisishunqulelo. FC umele u"FootballClub".
- ↑http://www.skysports.com/story/0,19528,11095_4908061,00.html